1 Corinthians 14:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinto nina ngoko, bazalwana? Okuya nihlanganayo, uti omnye nomnye wenu abe neculo, abe nemfundiso, abe ne nye inteto, abe nesityilo, abe nesikumsho. Mazenziwe zonke izinto kuze kube kukumiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Zonke izinto mazenziwe ukuze zakheke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla.