1 Corinthians 14:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abafazi benu mabati cwaka ezintlanganisweni: ngokuba kungavunyelwanga bona ukuba batete, koko kuyalelwe ukuba babe sekululameni, njengokuba usitsho nomteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Basuka bathobele, njengokuba usitsho nomthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho.