1 Corinthians 14:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nditanda ukuba nina nonke nitete nge zinye inteto, kodwa ngakumbi ukuba niprofiteshe: ngokuba emkulu lowo uprofiteshayo kulowo utetayo nge zinye inteto, ukuba kanti akakumshi, ukuze iṙemente yamkele ukumiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela.