1 Corinthians 14:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku, bazalwana! xeshekweni ndiza kuni nditeta nge zinye inteto, ndoninceda nto nina, xeshekweni ndingayi kuteta kuni mhlaumbi ekutyileni, mhlaumbi ekwazini, mhlaumbi ekuprofitesheni, mhlaumbi ekufundiseni?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kunjalo ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso.