1 Corinthians 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo nani, xeshekweni ningawapimiseli ngolwimi amazwi aqondekayo, kwotiwa nina ukwaziwa oko kutetwayo? ngokuba niya kuba niteta ngasemoyeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokukwanjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? kuba nothethela esibhakabhakeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya!