1 Corinthians 15:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elowo ke kolwakhe uluhlu; kamva abakhe bangabakaKristu ekufikeni kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe.