1 Corinthians 15:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye utixo noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla.