1 Corinthians 15:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, zonke izinto zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu.