1 Corinthians 15:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula nonyana ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze utixo abe zinto zonke kubo bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke.