1 Corinthians 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umntu wokuvela akazamkeli izinto zomoya katixo; ngokuba zibubudenge kuye; kanjako akangezazi, kuba ziqiqwa ngo kwomoya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya.