1 Corinthians 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko, njengokuba kuba̔liwe: Izinto ezingabonwanga liliso, nezingaviwanga yindlebe, nezingangenanga entliziyweni yomntu, zezi izinto utixo azilungisele abo bamtandayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu, zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”