1 Corinthians 3:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makungabiko namnye ozilukuhlayo. Ukuba kuko umntu oba ulilumko pakati kwenu kwelilizwe likoyo, makabe sisidenge, ukuze abe lilumko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.