1 Corinthians 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tina sizizidenge ngenxa ka‐Kristu, kodwa nina ningabalumkileyo ku‐Kristu; tina sibutataka, kodwa nina nomelele; nina ninokubekwa, kodwa tina sinokudelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; Thina sibuthathaka, ke nina nomelele; Nizukile, ke thina sideliwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andithi thina siziziyatha kaloku ngenxa kaKrestu, nibe ke nina niziingqondi ngokumanywa noKrestu, ngabula nina! Andithi thina siswele amandla; ke nina nomelele! Kaloku nibekekile nina, sibe ke thina sidelekile!