1 Corinthians 4:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, nangona ningaba nabo abondleli abalishumi lamawaka ku‐Kristu, ningenabo oyise abaninzi noko: ngokuba ku‐Kristu Yesu ndanizalayo mna ngayo ivangeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba ningade nibe namawaka-waka abafundisi abanifundisa ngoKrestu, mnye yena uyihlo kodwa. Ndim ke lowo, kuba namanywa noKrestu ngokuziva ngam iindaba ezimnandi; ndafana nonizeleyo ke.