1 Corinthians 4:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku ndimtumile kuni u‐Timote, ongumntwana wam otandiweyo, onyanisekileyo enkosini kanjalo, oya kunikumbuza indlela zam ezikuye u‐Kristu, njengokuba ndifundisayo ezindaweni zonke kuzo zonke iṙemente.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.