1 Corinthians 4:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ke ningagwebi into lingekabiko ixesha, ide ifike inkosi, eya kuti nezinto ezifihlakeleyo zobumnyama azizise ekuhleni, namaqinga entliziyo awabonakalise: bandule oko bonke ngabanye babe nodunyiswa lwabo kutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo;andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.