1 Corinthians 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ezizinto bazalwana! ndiziguqulele kwa kum no‐Apolosi ngokuzekelisa ngenxa yenu, ukuze niti kuti nifunde ukuba ningakumbuli ngokupezulu kwoko kuba̔liweyo, ize ningavutelani omnye ngecala lomnye ngakuye wumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi, ukuba masingacingeli mntu ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye.