1 Corinthians 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kungabi kanti ngokukanye nabapimisi belizwe eli, mhlaumbi namabawa, mhlaumbi nabapangi, mhlaumbi nabakonzi bezitixo; ngokuba oko nifanele ukupuma elizweni ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke kungabi ngoku kwanehlabathi elihenyuzayo, nokubawa, nabaphangi, nabakhonza izithixo; kuba oko nimelwe kukuthi nimke ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bendingaxeli abarheletyi beli hlabathi, ababawayo, izigebenga, nabakhonza izithixo. Ukuze ningadibaniselani nabo, bekuya kufuneka ningabikho emhlabeni!