1 Corinthians 5:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku ndiba̔lile kuni ukuba maningakolani naye, xeshekweni umntu obizwa ngegama lomzalwana anguye umpimisi, mhlaumbi olibawa, mhlaumbi umkonzi wezitixo, mhlaumbi umtuki, mhlaumbi olinxila, mhlaumbi umpangi; onjalo maningake nidlelane naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungoku ke ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; Maningatyi nonjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, bendixela ukuba ningadibaniselani nosukuba ebizwa ngokuba likholwa, ukanti uyarheletya, okanye uyabawa, ukhonza izithixo, okanye uyanyelisa, linxila, okanye limenemene. Ewe, ze ningatyi nokutya oku nonjalo.