1 Corinthians 5:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Gecani ngoko nipumise igwele elidala, ukuze nibe lisimba lentlama elitsha, njengokuba ningabo abangenagwele. Ngokuba ipasika yetu nayo isibingelwe, kwa u‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba ipasika yethu ubingelelwe thina nguKristu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini.