1 Corinthians 6:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Anazi na ukuba imizimba yenu ingamalungu ka‐Kristu? Ndiya kutabata amalungu ka‐Kristu ke na, ndiwenze amalungu ompinyiswa? Kwanga kungebe njalo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Makube lee oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu omzimba kaKrestu? Ngaba ndinokuthi ke ndiwathathe amalungu kaKrestu ndiwenze amalungu esifebe? Unotshe!