1 Corinthians 6:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyateta oku nize nibe nentloni. Kunjalo na, ukuba akuko kwa namnye umntu olumkileyo pakati kwenu, ongalamlayo pakati kwabazalwana bake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nditsho ukuba nidane. Akukho silumko na phakathi kwenu? Akukho namnye unako ukugweba phakathi kwabazalwana bakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyazihlazisa ke khona! Ngaba akukho nasinye na isilumko phakathi kwenu esinokuwalamla amakholwa?