1 Corinthians 6:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sekuko ngoko isiposo kanye pakati kwenu, ukuba ninamatyala omnye nomnye. Yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukwoniwa? yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukulumkiswa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukulunyukiswa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ngoku ke ninesono na phakathi kwenu, ukuba niyamangalelana. Yini na ukuba ningathi kanye nimeneze? Yini na ukuba ningavumi kanye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iyimposiso enkulu kambe kwainto yokuba nibe nemicimbi enimangalelana ngayo. Ngekungcono ukuba benivuma ukuba noniwe; ngekungcono ukuba benivuma ukuba niqhathwe.