1 Corinthians 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abanye nditi mna kubo, ingeyiyo inkosi: Ukuba kuko umzalwana oba nomfazi ongakolwayo, ati yena avume ukuhlala naye, makangamlahli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye.