1 Corinthians 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba indoda engakolwayo yenziwe ngcwele emfazini, nomfazi ongakolwayo wenziwe ngcwele endodeni: okanye abantwa na benu banco̔lile; kanti kaloku ba ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungokunje bangcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo.