1 Corinthians 7:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni uka uzeke, akwonanga; kanjako intombi xeshekweni yendayo, ayonanga. Noko abanjalo boba nembandezelo enyameni: mna kodwa ndiyaniyeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nokuba intombi ithe yenda, ayonanga. Ke abanjalo boba nembandezelo enyameni. Ke mna, ngokwenjenje, ndiconga nina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nentombi, ukuba ithe yatshata, ayonanga. Kodwa ke abanjalo baya kuba neengxaki enyameni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.