1 Corinthians 7:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kanjalo ukwahluka pakati kwomfazi nentombi. Ongendileyo uyakatalela izinto zenkosi, ukuze abe ngcwele nasemzimbeni nasemoyeni: kodwa owendileyo uyakatalela izinto zelizwe, ukuba woti nina ukukolisa indoda yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho umahluko phakathi komfazi nentombi enyulu. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.