1 Corinthians 7:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba kuko oba uyenza ngokungafanelekileyo ngakuyo intombi yake ipela, xeshekweni isel’ ingene ebunkazaneni, nokuba kufanele ukuba nja lo, makenze ngokutanda kwake; akoni: makutshatwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto.