1 Corinthians 7:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ize ningalumkisani, kupela umhlaumbi kube lixesha elitile ngokuvumelana, ukuze nizuze ituba lokuzila ukutya nelokutandaza; nandul’ ukubuya nihlangane ndawonye, ukuze u‐Satane anganilingi ngenxa yokuba ningenabunca̔tu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukwazana, ngaphandle kokuba nivumelene okomzuzwana, ukuze nizinikele nina ziqu nizila ukutya nokuthandaza; nibuye nihlangane, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yokungazithibi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.