1 Corinthians 8:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngazo izinto ezibingelweyo izitixo, siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi kuyavutelanisa, kodwa utando luyamisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ulwazi luyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha.