1 Corinthians 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, xeshekweni umntu akubonayo wena onokwazi uhleli pantsi etempileni yesitixo, singayi kuti na isazeliso sake, ebutataka nje, somelezelwe ukuba kutyiwe izinto ezibingelweyo izitixo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xa athe umntu wakubona, wena unokwazi, uhleli esithebeni etempileni yesithixo, asisayi kuthi na isazela salowo uswele amandla, somelele ukuba adle amadini enziwa kwizithixo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo?