1 Corinthians 8:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko kungekubo bonke okukwazi: ngokuba inxenye ngokwazela isitixo, kwa kude kube kaloku nje, besitya njengokungati yinto ebingelweyo isitixo; nesazeliso sabo, sibutataka nje, siyadyojwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokwedini elenziwa kwisithixo; sisuke isazela sabo siswele amandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle.