1 Corinthians 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba abanye bayamkela kw eli gunya pezu kwenu, as amkeli kulo tina kakulu ngakumbi ke na? Noko asilipatanga igunya eli; kuloko zonke izinto sizinyamezela, ukuze singenzeli ivangeli ka‐Kristu into etintelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuke sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu.