1 Corinthians 9:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa mna andipatanga nanye yezizinto; kanjako andiba̔langa ezizinto, ukuze kwenziwe njalo kum: ngokuba kulungele mna ukuba ndife, ngapezu kwokuba asuke umntu alwenze uqa̔yiselo lwam into engento yanto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi ndawo andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungandilungelayo kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi zinto andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungilungele kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.