1 Corinthians 9:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Anazi na ukuba abo babalekayo emjikelezweni bayabaleka bonke ke, kodwa uba mnye owamkela umvuzo? Yenzani njalo ukubaleka, ukuba nizuze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa.