1 Corinthians 9:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako bonke abazamayo ezindlalweni bayenza ngobunca̔tu ezintweni zonke. Kekaloku bona abo ke bayazama ukuze bamkele isitsaba esonakalayo, kodwa tina ukuze samkele esingonakaliyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke.Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Oko ke ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; ke thina, singenakonakala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.