1 John 2:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyaba̔la kuni, boyise! ngokokuba nimazile lowo okoyo kwa sekuqalekeni. Ndiyaba̔la kuni, madodana! ngokokuba nimoyisile okohlakeleyo. Ndiyaba̔la kuni, bantwana! ngokokuba nimazile uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni.Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo.Ndiyanibhalela, bantwana, ngokuba nimazile uYise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nimazile uBawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.