1 John 2:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bapuma kuti, koko bebengengabakuti: ngokuba ke ukuba bebengabakuti, ngebeba besahleli nati; koko bapumayo, ukuze babonakaliswe ukuba bebengengabakuti bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphuma kuthi, kodwa babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi; baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.