1 John 2:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nina ngoko, oko nakuvayo kwa sekuqaleni, makuhlale kuni. Xeshekweni kuhlala kuni oko nakuvayo kwa sekuqaleni, nani niya kuhlala kuye unyana nakuye uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni.Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.