1 John 2:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti nina, utanjiswa enalwamkelayo kuye, luyahlala kuni, nize ningafaneli ukuba umntu anifundise; koko njengokuba lona olotanjiswa lunifundisa ngento zonke, luyinene nje, lungebubo ke ubuxoki, nanjengokuba belunifundisile, niya kuhlala kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, anifuni ukuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinyani, ingebubuxoki, njengoko yanifundisileyo, hlalani kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.