1 John 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Singabi njengaye u‐Kayine, obengowakuye okohlakeleyo, wambulala umninawe wake. Wambulala ngenxa yanina ke? Ngokuba imisebenzi yake ibikohlakele, kodwa eyomninawe wake ibilungile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Yini na ukuba ambulale? Ngokuba eyakhe imisebenzi ibingendawo, ke yona eyomninawa ibinobulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Masingafani noKayen ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo. Kwakutheni ukuze amgwinte umntwakwabo? Kwakungenxa yokuba izenzo zikaKayen zazigwenxa, kodwa ezomntakwabo zazilungile.