1 John 3:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siyazi tina ukuba sipumile ekufeni sangena ebomini, kuba sitanda bona abazalwana: lowo ungamtandiyo umzalwana wake uyahlala ekufeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siyazi ke ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni.