1 John 3:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena osukuba enayo imfuyo yelilizwe, ati umzalwana wake ambone esekusweleni, amvalele umbilini wake, luti nina utando lukatixo ukuhlala kuye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?