1 John 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Batandwa! kaloku silusapo lukatixo, kanti akukabonakaliswanga into esiya kuba yiyo: kodwa siyazi ukuba, xeshekweni abonakaliswayo, soba sifana naye; kuba siya kumbona njengokuba enjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo.