1 John 4:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko soyiko elutandweni; koko utando olufezekileyo lusilahlela pandle isoyiko; kuba isoyiko sinabo ubuhlungu: yena owoyikayo akafezekiswanga elutandweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; Lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.