1 John 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni umntu ambonayo umzalwana wake esona isono esingabangi kufa, uya kucela, waeya kunika kuye ubomi, kubo abenzayo isono esingabangi kufa. Kuko isono esibang’ ukufa: anditsho ukuti makatandazele sona eso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni;anditsho ukuthi makacelele sona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho isono esisingisa ekufeni; anditsho ukuba makasithandazele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu ebhaqe uwabo ephazama, makamthandazele kuThixo ukuze aphile. Le nto ke inxulumene nabo bazono zingakhokeleli kufeni. Kaloku zikho izono ezikhokelela ekufeni; anditsho ke ukuba ezinjalo zithandazeleni kuThixo.