1 Kings 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wateta u‐Natane ku‐Batesheba unina ka‐Solomone, esiti: Akuvile na okokuba u‐Adonija unyana ka‐Hagiti ungukumkani, inkosi yetu u‐Davide ingakwazi nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani;ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uNatan wathetha noBhatshebha, unina kaSolomon, wathi: “Awuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, uyalawula ngoku, ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNatan wabuza kuBhashebha unina kaSolomon wathi: “Uvile nje ukuba uAdoniya ozalwa nguHagiti bamenze ukumkani ngaphandle komhlekazi uDavide?