1 Kings 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hamba uye ungene kukumkani u‐Davide, uti kuye: Akufunganga na wena, nkosi yam, kumkani! kwisicakakazi sako, ngokuti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam? kunganina ngoko ukuba u‐Adonija ungukumkani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Kungani na ke ukuba abe ngukumkani uAdoniya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Nkosi yam, nkosi yam, ubungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wathi, uSolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale etroneni yam? Ngoko, kwakutheni ukuze uAdoniya alawule?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiya kukumkani uDavide, uthi kuye: ‘Mhlekazi, kumkani, kanene wawungafunganga kum wathi: “Ngenene unyana wakho uSolomon woba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam”? Ngani ke ngoku kungene uAdoniya abe ngukumkani?’