1 Kings 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Nkosi yam! wena wamfunga uyehova, utixo wako, kwisicakakazi sako, ngokuti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Nkosi, nguwe owamfungelayo uYehova uThixo wakho kumkhonzi wakho, wathi, uSolomon unyana wakho nguye oya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale etroneni yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku waphendula wathi: “Mhlekazi, andithi kanene nguwe ngokwakho owafungayo apha kum, mna sicakazana sakho, wabhambathisa *ngoNdikhoyo uThixo wakho usithi: ‘USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani esikhundleni sam, angene esihlalweni sam’?