1 Kings 1:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo ubingile inkabi, nenkomo ezityetyisiweyo, negusha ngento eninzi, wamema bonke onyana bokumkani, no‐Abiyatare umperisite, no‐Jowabi inkosi yomkosi; kodwa u‐Solomone isicaka sako akammemanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubingelele iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; akammema ke yena uSolomon umkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabingelela iinkomo, neenkomo ezityetyisiweyo, neenkomo zaninzi, wababiza bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; ke akambizanga uSolomon umkhonzi wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenze idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, neegusha. Futhi ubamemile noonyana bakho, kunye nombingeleli uAbhiyatare nenjengele yomkhosi uJowabhi. Kambe ke akammemanga uSolomon isicaka sakho.